Category Archives: isiXhosa

Phantsi ngokucinizelwa kwabantu ngamapolisa

http://activateonline.co.za/phantsi-ngokucinizelwa-kwabantu-ngamapolisa/

Phantsi ngokucinizelwa kwabantu ngamapolisa

Umbutho wabantu abangaphangeliyo (UPM), Abahlali Basemjondolo (AbM) bekunye nabasebenzi nabafundi beDyunivesithi iRhodes bebebambe umngcelele osingisele kwisitishi samapolisa aseRhini ngenjikalanga yangoLwesithathu. Bebesiya kudlulisa ileta yesimemezelo sokuba kupheliswe ukubulawa kabuhlungu kwabantu ngamapolisa xa belwela amalungelo abo.

Oku kulandela emveni kokuba amaqabane amathathu ethe abulawa ngamapolisa eCato Crest, Ethekwini ebutsheni balo nyaka. Le mibutho ikwa vakalise ukubulawa kuka-Andries Tatane nendyikitya yaseMarikana njengezinye zezizathu eziphembelele le matshi.

Continue reading

27 April Umhla Wenkululeko Okanye Umhla Wengcinezelo

27 APRIL; UMHLA WENKULULEKO OKANYE UMHLA WENGCINEZELO

Ingcinezelo nokuba indala phantsi kuka De Klerk okanye intsha phantsi kuka Zuma, iyingcinezelo qha. Mhla sasivota ngo 1994 sasivotela ubomi obungcono, izindlu ezisemgangwathweni, hayi lamatyotyombe, izindlu zase Vukani eziwayo, ezithoyilethi zase Hlalani, sasivotela imisebenzi, kodwa ngoku uninzi lwethu aluphangeli, sijikajikana nelanga elokishini, sasivotela ubomi obungcono, kodwa eliyinene lelokuba akukho thsintsho ebomini bethu.

Aba bathi masibhiyozele olusuku baphila ntofontofo bona, ngohlohlesakhe nodyakalashe abadla izambane lika ponto. Banaso isizathu sokubhiyoza ngalomhla we 27 April, kuba bona bakhululekile. Bafuna nathi sibhiyoze, sibhiyoza njani singa phangeli, singenamanzi, singenazindlu, singena mhlaba, abanye bethu singenazo ne toilets.

Linye bahlali, masiyikwaye lemibhiyozo yabo, nalemihlangano yabo, kuba yeyabo ayoyethu. Linye bahlali masizibandakanye ne UPM, silwisane norhwaphilizo, nokuswela imisebenzi, amanzi, ii toilets nobomi obunngcono. Akukhomntu uyakutshintsha imeko yethu yokusokola, sithi abayakuphakama sithi “sekwanele”, silwisane nalamatutu/nalamasela.

Linye bahlali, masilitsolise sithi “sekwanele, enough, genoeg”.

Masiphakameni, silweleni amalungelo ethu.

Imbali iyasixelela ukuba bathi abantu bakwanela, baphakame, bazibuyisele, bathi baphumelele.

Saphumelela kunomgogwana ka Botha no Deklerk, nalona ke urhulumente wethu xa engasiphulaphuli, siyakumoyisa. Kuba urhulumente wethu uphantsi kocinezelelo longxowa nkulu behlabathi, iinkokheli zethu ngo mantshingilana bongxowankulu.

Asiphethanga, siphethwe ngabamhlophe nongxowa nkulu,

Linye “ Sekwanele, Enough, Genoeg”

Linye “Kubo”

ASISABULAWA NGUGAWULAYO (AIDS) NE TB, NGOKU SIBULAWA YINDLALA QHA

Abona bantu bawuvayo umvambo nentlekele ye HIV/AIDS, sithi zimpula zikalujacu, bantu bangenanto. Sakuhlaselwa sesisifo se HIV/AIDS nesifo se TB kuthiwe masitye ukutya okusempilweni, masifumane amachiza asempilweni. Sizakukutya njani ukutya okusempilweni, singasebenzi, sisokola. Ukutya okukuko asikwazi ukufikelela kuko kaloku kuba simpofu. Ukutya kwethu ngu mngqusho, umqa irayisi kunye nesonka. Ukutya okunezondlo asifikeleli kuko. Amachiza angawo, axabisayo asinamali yokuwathenga. Abanye bethu balala bengatyanga, ikati ilala eziko.

Le nkqubo yobu ngxowankulu ikhohlakele kangangokuba, sisokola sinjena, amashishini emveliso yengqolowa aye ahlangana ecaweni, athandaza, ethandazela ukunyusa amaxabiso esonka, yiyo lento namhlanje iintsana zikhalela isonka, umzali engabinayo iR10 yokuthenga esosonka.

Siphethwe ngamarhamncwa, oohlohlesakhe namatutu, urhulumente ongunopopi otyayo. Basibulala sihleli.

Masiphakameni sizilwele, akukhonto iyiyo iyakube iphinde itsitse kulorhulumente ungunopopi otyayo

Is the 27th of April a Day to Celebrate our Freedom or to Mourn our Ongoing Oppression?

Oppression remains oppression whether we are oppressed by De Klerk or by Zuma. When we voted in ’94 we voted for a better life – for land and decent housing – not for shacks and RDP houses that are falling down. We voted for jobs for all but unemployment is skyrocketing.

There is change in our lives. Those who call upon us to celebrate ‘Freedom Day’ are the elite who are living a wealth life. They are free. We are not free. We do not have land. We do not have jobs. We do not have decent houses. Some of us do not even have toilets.

We are making a call to the poor to stay away from all Freedom Day events. We make this call for a boycott of these events because what we really need to do is to organise and struggle against corruption and for jobs, land and decent housing.

No one will change our misfortunes for us. We have to stop suffering alone and in silence. We need to stand up and say ‘Enough!’.

History tells us that when people decide to stand up and say ‘Enough!’ they will win their struggle. We can defeat Zuma’s oppression just as we defeated De Klerk’s oppression.

Things are so bad that it is not really even the AIDS and TB that is killing us. It is starvation that is killing us. We need proper food to go with our medicines. But the system of capitalism is so cruel that even when millions of people don’t have enough food to eat Tiger Brands, Premier Foods and Pioneers got together to fix the price of bread. The capitalists are determined to take every cent that they can from our hands. They even drive up the price of wheat. And the ANC are their allies.

We need a government that stands with the people and not with the capitalists.

Boycott all ‘Freedom Day Events!’. Join the struggle for jobs, land and housing for all. It is struggle that will open the road to real freedom.

Nyanzelisa i… Right 2 Know

Nyanzelisa i… Right 2 Know

Nqanda umthetho we mfihlelo!!!

Iinzuzo zomzabalazo wenkululeko zibekwe emngciphekweni yi-Protection Of Information Bill – POIB exoxwa nguRhulumente sithetha nje. Le-Bill ifana nqwa nale mithetho yengcinezelo. Le-Bill icinezela abanolwazi ngolwaphulo mthetho nokufumaneka lula nama xwebhu emfihlelo.

Naliphi isebe lika-Rhulumente, lingakwazi ukthi amaxwebhu ka rhulumente ayimfihlelo, lonto isenze ilizwe elinee mfihlelo ezininzi. Amagosa ka-Rhulumente, akhomfuneko bacacise xa efuna ukufihle izinto. Akuyakubakho nto okanye ikomiti eqinisekisa ukuba, ukukho zinto ezifihlwa eluntwini, ekumele ukuba luyayazi.

Continue reading

Onogada Badinga Ukudibana Ukusuka Ezantsi Ukunyuka

Onogada Badinga Ukudibana Ukusuka Ezantsi Ukunyuka

Ibhalwe ngu Lindela ‘Mashumi’ Figlan

Mhlawumbi kufanelekile ukuba kukhunjuzwe abantu ukuba apho kukho inkqubo yelizwe elawulwa yimali,amakapitali basoloko bexhaphaza abasebenzi ngaphezu kwento yonke onokuyicinga kule mihla apho izinga labangaphangeliyo liphezulu. Abantu bafolele ukuxhatshazwa. Kodwa kufuneka siqonde ukuba yinkqubo engaqhelekanga le. Asikho isizathu sokuba wonke umntu angabinasidima sakhe.

Ndisebenze njengonogada iminyaka eminizi. Ndandisoloko ndicinga ukuba lomsebenzi ulungileyo ngoba sisoloko sibabona onogada bencumile. Kukho imfuneko yokuba amagosa karhulumente abe nento ayenzayo ngomsebenzi wonogada. omnye wenkokheli zethu wathi urhulumente bekumele ayilungise lengxaki onogada bajongene nayo. uRhulumente bekumele aqinisekise ukuba lomsebenzi ube phansti kwemithetho karhulumente kwaye baqinisekise ukuba lomithetho ikwimfuno zabasebenzi. Kakade xa kubekwa etafileni imithetho nemimiqathango yalomsebenzi onke amakapitali asoloko ekhalaza ngoba bayoyika ukulahlekelwa yimali, ekugqibeleni kungabikho ogqiba ekuxhaseni urhulumente. Yindlela ekusetyenzwa ngayo le. Abantu banyula urhulumente ukuze urhulumente athobele abantu, kodwa urhulumente umamela amakapitali. Yiyolonto abantu kwamanye amazwe behlangana ukuze bakwazi ukuzama ukunyanzela urhulumente abamamele.

Akumandanga ukuba ngunogada. Sisebenza ngemivuzo ephantsi. Ubusuku nemini sisoloko silapha silindele umntu esingamaziyo nokuba uza nini okanye uzakuza nohlobo olunjani lompu. Singabantu abahluphekileyo, kwaye sibeke ubomi bethu emngciphekweni imihla ngemihla ngokugada izakhiwo nobomi bezityebi. Isininzi sendawo esisebenza kuzo azinandawo yokufihla intloko (amagumbi onogada), kulendawo ndibhala kuyo ndihleli elangeni. Akukh’onto ngoku, kodwa xa kukho umoya nemvula ndizabe ndisahleli kule ndawo inye. Xa ndigula abancedisi nangesenti. Ndim onoxanduva, kwezinye indawo kukho nencwadi yeziganeko xana ufunda into ebhalwe kuloncwadi kubonakala ngathi kungafika umntu akubulale kungekho nomntu oyakwazi nanye into ngawe.

Naxa sicela abaphetheyo kurhulumente wethu ukuba bangenelele bathi masiphindele esikolweni. Kodwa ngaba ukusebenza njengonogada lolunye uhlobo lesohlwayo ngenxa yokuba ungafundanga okanye kumele ukuba ngumsebenzi? Kodwa ke ngubani othe oonogada abafundanga. Ngubani othe abo bangagqibanga esikolweni okanye abo bangakwazanga ukufunda emva kwesikolo lityala labo. Kukho into ebizwa ngokuba yimbali yengcinezelo eye yenza abanye abantu bahlupheka kakhulu. Abahlali baseMjondolo bacinga okokuba izityebi namahlwempu enziwe kwayilendlela kuqhutywa ngayo abe kulemeko. Ngamanye amaxesha xa ukhalazela into ethile usoloko usiva abo bacinezele oonogada besithi” ayindim othi sanukuya esikolweni”. Eyona nto ndiyicingayo ngamandla yeyokuba kufuneka sithethe ngobomi nangemfundo ngoba umntu akangomntu ngenxa yemfundo.

Efundile engafundanga umntu uyohlala engumntu. Xana sixelelwa ukuba sivotele kwa ababantu banye abasibuzi ukuba sifunde kangakanani na phambi kokuba sifake ivoti zethu. Ngemini yonyulo kuyakhawulezwa ukubona ukuba siyalingana. Ngosuku olulandelayo yonke into ibuyela esiqhelweni siphinde sibonwe thina bahluphekileyo singezozinto.

Ukuba awunabo ubudlelane nabaphezulu kwipolitiki, udinga imfundo ukuze ufumane umsebenzi. Ukuba sidinga imfundo ukuze sisebenze kakuhle, kutheni ke kungekho mfundo engahlawulelwayo khona ukuze wonke umntu axhamle. Kutheni urhulumente enganagalelo eluntwini? Khawufane ucinge ukuba bangaphi abantu ebengefunde isakhono okanye ibhizinisi ngexabiso lokwakhiwa kwebala lebhola ngalinye. Andikwazi kuqonda ukuba kutheni abantu beyekiwe bengafundanga xana imfundo ibaluleke kangaka.

Eyona ndlela enokusenza sikwazi ukwenza utshintsho kwinkampani kukwakha inyunane ziqine. Kodwa nezinye inyunane ezilungileyo ziyinxalenye yalendlela. Inyunane zidinga ukutshitsha. Inyunane kufuneka ziqiniseke ukuba abantu ekufuneka basebenze ngengxaki zabantu kufuneka ibe ngabo bazinikeleyo ekuncedeni abantu. Kufuneka babe ngamakhoboka abantu, nabantu abenze utshintsho, abo benza utshintsho lokwenyani, nabo bathetha utshintsho kumabonakude.Kufuneka babengabantu abathatha ingxaki zabantu njengezabo

Uninzi lwenyunane zikwimeko embi. Andifuni kuthetha kakhulu kodwa baba ziikati ezityebileyo ngokuthatha imali zethu kovimba bethu mahala. Inyunane zisuke zaba lolunye uhlobo lwebhizinisi. Zisuke zasebenza kunye nabaphetheyo, azabalwela abasebenzi. Ukuba sizama ukulwela amalungelo ethu sisuke sigxothwe kungekho nto kodwa uninzi lwenyunane aziwenzi umsebenzi wazo. Ezinye zezinyunane zisuke zoyike njengabaphetheyo xa zibona ukuba abasebenzi bazama ukumanyana kwindawo abasebenza kuzo. Ngamanye amaxesha uye ubone ukuba ujoyine inyunane wenza izinto zibelula kwiinkampani bazokwazi ukukugxotha. Imbi kakhulu into yokuba abantu bagxothwe ngenxa yenyunane emva koko inkampani iphawule ukuba ibe sisiphoso ukukugxotha bakucele ubuyele emsebenzini.

Kubo bonke oonogada masibebanye sakhe umbutho wonogada ngonogada. Lo mbutho inga ungenziwa kodwa ungabi ngumsebenzi osisigxina kuzo zonke iiofisi. Apho singaxoxa zonke ingxaki esijongene nazo, ezongxoxo zigaqala kuthi, izigqibo esizakuzenza zizakube zenziwe sithi, sizenzela thina. Kulemibutho singasa iingxaki kwinyunane ukusuka apho sizise kwa CCMA kodwa lo mbutho uzakusoloko ulapho lonke ixesha. Asisoze sinikele iingxaki zethu kwinyunane. Sizakwenza imanyano ngaphandle kwenyunane ukuze sikwazi ukuzilawula inyunane ezantsi. Inkokheli zenyunane ezinobuqhophololo zizakuphela, bonke abasebenzi bazakuhlonitshwa ngabaqeshi nabathengi.

Enkosi ku Jama, Stadu, Zizi

Mna lindela ‘Mashumi’ Figlan ndandisakuba ngusihlalo weKennedy Road Development Committee ndasebenza njengo sekela prezidanti wabahlali baseMjondolo. Uye wabalixhoba lokoyikiswa ngokufa esidlangalaleni oko kwaqala uhlaselo kubahlali baseMjondolo eKennedy road ngo Septemba 2009. Ngoku uhlala kwimikhukhu yaseCato Crest ukusebenza njengonogada Claremont.

Umba Womhlaba Ngumbuzo Wopolitiko

Le yintetho enikezwe nguS’bu Zikode kwiDevelopment Action Group National Conference, isihloko sentetho yakhe besithetha ngombono ongomnye wedolophu.

UMBA WOMHLABA NGUMBUZO WOPOLITIKO

Kuhle ukuba nombono ongomnye wedolophu. Sonke singaqala ukuba nemibono wedolophu ezine zindlu ezisemgangathweni zoluntu lonke emva koko sinokuba nemibono yezithuthi zikawonke-wonke ezikwixabiso elifikelelayo nendlela ezikhuselekileyo, ezinemithi emihle, iipaki ezinemithunzi, nezikolo ezenza uzive wamkelekile, ikliniki namaziko wencwadi zokufunda, kunye nemibutho yezemidlalo. Singaba nemibono ngemibono yedolophu apho ubuntu buxatyisiwe apho abantu baxabisekileyo. Kuhle ukuba nombono wedolophu apho kungekho mntu uphila okwehagu eseludakeni, apho wonke umntu akhuselekileyo emililweni, ekuhlukunyezweni, ekuxhatshazweni ngamapolisa, ekuvalelweni kwamaziko, ekugxothweni kwabantu kwindawo abahlala kuzo, nakwimilo yezopolitiko.

Kodwa umba womhlaba nezindlu zezona ngxaki eziphambili. Zingxamisekile kwidolophu zethu, kwaye kukho ubunzima ekusombhululeni umba womhlaba nezindlu kwilizwe lethu. Umhlaba uza kuqala kunezindlu, obu bunzima buza ngokuba sonke senza ingathi umba womhlaba awunanto yokwenza nezopolitiko. Umba womhlaba uyakuhlala unzima kwaye uzakongeza ukungaqondi ngakumbi side samkele ukuba umba womhlaba unento yokwenza nezopolitiko.

Umbuzo uhleli usenziwa nzima xa ilizwe lethu likhokelwe ngabemibutho yezopolitiko abathetha ngobunzima nokumelea abantu ngexa besenza ingathi umbandela womhlaba awunanto yokwenza nezopolitika. Kodwa banawo amandla kwaye banokusebenzisa amandla abo epolitika bathathe umhlaba bawubuyisele kwabo baxuthiweyo. Kodwa abezopolitiko nemibutho yabo engekho ngaphantsi korhulumente (NGO’s) bayaqhubeka ukwenza ingathi ngabantu abangaqondiyo okanye abengenalwazi luphangeleleyo, kwaye abasafuneka bafunde ukuba nomonde, bamkele ukuba bafunde ngezokhuseleko emililweni nokunyanzelwa kwabantu bathunyelwe kwindawo zexeshana zokuhlala, olo luphuhliso lokwenyani kubo.

Abo basezintanjeni zolawulo namhlanje banawo amandla okusinika umhlaba wethu ngendlela efanelekileyo kwabo bangenamihlaba. Kutheni nje besithengisile namhlanje? Impendulo ilula. Ukuba bangenza njalo bayakube banikezela ngalamandla abenza babe namandla.

Ukubuyisela umhlaba kwabo bafanelekileyo akusoze kubelula.

Ukuba sifuna ukuthathathela umhlaba kuthi singabantu abahluphekileyo kuzakufuneka sibenamandla. Kumnyaka odlulileyo sifunde isifundo esinzima. Sifunde ukuba uMzantsi afrika awukhululekanga nyani. Abo baphetheyo kwaye nabasebenzi bakhululekile ukuba bangaxoxa bathethe ngekamva lelizwe lethu. Kodwa thina, njengabahluphekileyo siye sakhutshelwa ngaphandle kwinkululeko. Saye sahlaselwa sakhutshelwa ngaphandle kwamakhaya ethu ngamapolisa, nabaphathi bezopolitiko bejongile. Umbutho wabasebenzi iCosatu nombutho olwela amalungelo abantu (iHuman Rights Commission) zazithule. Sifunde ukuba baninzi abantu abacinga ukuba inkululeko ayixhamlwa ngabahluphekileyo.

Sidinga ukwenza inkululeko ibe yeyenyani nakwabahluphekilkeyo. Ngoko ke sifuna intsebenziswano phakathi kwabo bavumelekileyo ukuba babe yinxalenye yokuxoxa nokuthetha ngemiba yaseMzantsi Afrika. Badinga ukuba bayisebenzise inkululeko nokhuseleko lwabo ekumeni kunye nathi basikhusele ngelixa silwela inkululeko yethu. Imibutho yethu neqela labantu abanenjongo enye badinga ukwenza ubumbano oluphilileyo nemibutho eqinileyo, imibutho yabasebenzi, izifundiswa kumacandelo onke, abantu ngabanye nabahlali ngokubanzi. Sidinga ukwakha ubumbano elizweni lethu ukuze kubekho imibutho ehleli ikulungele ukukhusela amalungelo abantu abahluphekileyo ukuze bacinge, bathethe kwaye bakwazi ukuzakha ngokwabo. Lo umbutho kufuneka unepolitika, ukwazi nokunyanzela urhulumente nezityebi zithobele abantu. Kufuneka kucace ukuba ixabiso labahlali belilizwe liza phambi kokucinga ngokwenza ingeniso. Kufuneka bathathe inyathelo eliqinisekileyo ukuze baphumelele koku. Ngoko kufuneka uzimele ungadibani norhulumente. Kuphando lwethu iSlum Dwellers International yimizamo ehla inyuka ka rhulumente nezityebi ukunyanzela abahluphekileyo ngokuzama ukubatshintsha bamkele ingcinezelo.

Abanye bethu sebeyinxalenye yalendlela iya kwimeko entsha yokuhlala (new urban) engangeyokuhlala kuphela kwi Ofisi ezipholileyo kodwa ngokusebenza nzima kwindawo zokuhlala apho baxakekileyo, beququzela besakha , benolwazi benikwa ulwazi nanjengukuba besakhiwa kukuzifundisa, intlanganiso, kwindawo zokuhlala zexeshana nakwimizabalazo. Abanye bethu sebephulukene namakhaya abo elizweni labo lokuzalwanjengesohlwayo sokuzabalaza ukuze kufunyanwe imihlaba inikezelwe ngendlela. Kucacile kuthi sonke ukuba imihlaba eyobiwe ngendlela ayisoze ize kuthi ngeqwelo-moya, kodwa ngokusebenza nzima, ngokubethwa, ngokubanjwa, nangobuxoki, ngeqwelo zokulwa zamanzi, ngokudutyulwa, ngembumbulu okanye ngokufa. Ngumvuzo ke lowo abo baqinisekileyo ngomvuzo we new urban order kufuneka balungele ukuwubhatala.

Awungekhe ube nengxoxo enemiphumela ngalengxaki ye ne urban ngelixesha abahluphekileyo kuqhutyekwa bekhutshelwa ngaphandle kwintetho ebezimele ukwakha I-urban order entsha yoluntu lonke. Ezi ngxoxo zigaqala xa abo baye bathathelwa imihlaba, abo bangabalulekanga , babaluleke. Sagqiba kwakude kudala ukuba singayamkeli imeko apho abanye abantu bathetha ngabahluphekileyo kwaye nabahluphekileyo bengathethi nabahluphekileyo. Kwaye siwubhatele umvuzo ngesigqibo sokuba sakuhlala simanyene.

Akukho mathandabuzo ukuba umsebenzi wenzululwazi, abakhi bedolophu, iinjineli, abazobi bezakhiwo kwakunye nabanye abasebenzi abanezakhono zibalulekile. Sidinga zakhono zabo. Kodwa ngelithuba besazimele bodwa ulwazi lwabo lusemngciphekweni. Sidinga ukucebisana ngedolophu zethu kunye. Ukuba umsebenzi wenzululwazi ungenziwa ngaphandle kwabahluphekileyo, abo banelungelo lokuxhamla kuyo, ayisoze iyisombulule ingxaki. Ingxaki yokuqala yeyokuba ngaphandle kwemfundo yabo yonke, inzululwazi zisoloko zingaqondi imfuneko zabantu. Ingxaki yesibini yile yokuba amacebiso enzululwazi nalawo macebo alungileyo lawo alungele izidingo zabantu, akanamandla ngokukokwawo. Icebiso elisetyenzwe phakathi kweqela labahluphekileyo kunye ne nenzululwazi ze urban liyakuba nefuthe eliphilileyo xana iqela labahluphekileyo livuma ukuba lelabo.umba womhlaba ngendlela oqhutywa ngawo unepolitika eninzi , kangangendlela ebonwa ngayo ngabanye bethu. Inepolitiki kakhulu kangangokuba kwimeko ezininzi urhulumente nabo banonxibelelwano bengenavelwano benza ingathi yimeko umhlaba angawo eyenza isigqibo sokuba kufuneka kwakhiwe ntoni nini. Le nto ibonakele kwindawo zokuhlala ezininzi , kwindawo yabahlali ekuthiwa ukubizwa Abahlali baseMjondolo. Abantu baye bakhomba imihlaba ekwindawo ezifanelekileyo baze bazihlalela ngokwabo kulomihlaba. Kodwa amaxa ngamaxa sifumanisa ukuba ezondawo sinokuthi yimihlaba ekwindawo ezilungileyo sifumanisa ukuba akunjalo kurhulumente nentlola zakhe, ezo ndawo bathi yimihlaba efanelekileyo akukho njalo kwabahluphekileyo. Kwindawo yokuhlala eKennedy Road, umasipala usoloko esebenzisa ingxelo zokungalungi komhlaba ukuzithethelela ukuba kutheni abantu bengenakwazi ukuhlala kulomihlaba bayikhethileyo.. ingxelo zabo zisoloko zisithi umhlaba awulungelanga ukuba kungahlala abantu gelixa izityebi ngapha kwendlela zikonwabele ukuhlala khona. Wonke umntu uyazi ukuba kucacile ukuba umhlaba uyindawo elungileyo. Okufunekayo lutshintsho lwegama lomnini mhlaba nokuphuhliswa komhlaba nokulungiswa kwendawo.eProtea South nase Thembalihle e Rhawutini umhlaba abathi abahluphekayo bawuchonga bahlale kuwo , ekucingwa ukuba ulungele bona . kodwa lento ayithethwa. UDomite kuphela kwesilwanyana esoyikekayo esinokusetyenziswa ukoyikisa abantu , onokuphumelelisa ukugxothwa kwabantu.

Xana wayesothula intetho yakhe kwi State of the Nation address, uMsholozi ngokwakhe wabophelela urhulumente wakhe ukuba afumane ngaphezu kamawaka amathandathu e akile omhlaba osendaweni entle, unikwe abahluphekileyo. Esi sithembiso seza siyimpendulo kumzabalazo wabahluphekileyo ezidolophini nakwiziphaluka zoMzantsi Afrika wonke . Ngokucacileyo urhulumente uyoyiswa ukunikezela lo mhlaba, kodwa ayikho into enokwenza abantu bayeke ukuzibonela nokuzithathela imihlaba ekwindawo ezilungileyo ngokwabo. Oku sizakuxhasa ngokupheleleyo singumbutho. Ukuba indibano esifuna ukuyenza necawe, nabasebenzi, inzululwazi ne urban experts iyakusixhasa koku, ngoko ke siyakwazi ukuba bakwicala lethu ngokwenyani . kangangoko abantu behlala , besifa eludakeni nasemililweni, neyiphi na ipolitika ekuthiwa yeyomonde yenye nje ingcinezelo.

Kodwa umba wesithembiso sikaMsholozi ayingombuzo nje wokuba ufunyenwe wanikezelwa umhlaba okanye awufunyanangwa ongange akile ezingamawaka amathandathu. Kukho umbuzo wokuba ngubani othatha isigqibo sokuba ngowuphi umhlaba ofanelekileyo kwaye nongafanelekanga. Umhlaba awufanelekanga ukuba ubonwe ngurhulumente. Abahluphekayo okanye abacinezelekiyo banelungelo lokuzibonela ukuba ngowuphi umhlaba obalungileyo. Ukuba idolophu zethu zizakuba zidolophu njengoko ke njengabahluphekileyo kuzakufuneka sizomeleze sikhe silungele ukuthata inxaxheba. Sonke sizakufuna inkuthazo eyaboniswa kwi Symphony Way ne Macassar Village eKapa .idolophu zethu zidinga inkokheli eziqinileyo kwabahluphekileyo nezinesazela ngendlela umba womhlaba usengumbuzo obuthathaka . umbutho ,indibano nongenelelo lwabahlali nengqondo yepolitika ecacileyo inokwenza , abalwela inkululeko abanokubeka intando yabantu ngokuchasene nokwakha idolophu zethu ezimbalwa. Ukutshintshelwa komhlaba unikwe abahluphekileyo nakubasebenzi kudinga intshukumo eluqilima . idinga intshukumo nentlanganiso ezimbalwa . yonke lemithetho nalemiqathango ikhetha icala lezityebi kumahlwempu ngoko zaba nemiphumela ebangela yokubakho Indawo zokuhlala ezingavumelekanga.

Amaphupho ethu angabonakala kuphela xa umhlaba lo sewuthathiwe kwabahluphekileyo unokunikezelwa kubo ngesithembiso sotshintsho, kwaye abahluphekileyo bangazifunel angokwabo ezinye iindawo. Urhulumente unoxanduva lokuphuhlisa Indawo zokuhlala zethu azixhase ngokwakha izindlu, kwaye asixhase ngokwakha iindlela, nokuzigcina zisemgangathweni phambi kokuba acinge ngokwakha izindlu zexabiso eliphantsi. Utshintsho lwegama lwabanini mhlaba kufuneka lize kuqala, kulandele uncedo lwekonzo nolwakhiwo, kulandele ulwakhiwo lwezindlu nokuzigcina zisemgangathweni idolophu.uhlobo ezikhula ngayo idolophu zethu kubonakalisa ukuba singangabi nomhlaba owaneleyo ekuhambeni kwexesha . xa kunjalo kungalulutho ukucinga ngendlela zokulwa uxinano sinikezele ngemisebenzi kwabanye abantu ukuze kuqalwe kucetywe ngokutsha. Kodwa ngaphandle kwengxoxo ezifanelekileyo nendawo ezivulelekileyo zokuthetha ezi zinto ngomntu wonke lento ayinakuphumelela okanye ukuba ingaphumelela ayinakwenzeka ngendlela elungileyo

Umzabalazo wethu, nayo yonke imizabalazo yokwenyani yeyokubeka abantu phakathi kwophuhliso, kuqalwe ngabo bathathelwa imihlaba nabangenamakhaya. Ukuzama ukususa intetho yezopolitiko kwezemihlaba, nokunciphisa umbuzo onzima womhlaba akuzusinceda. Ukwenza umbutho obumbeneyo wabahluphekileyo onokuthatha inxaxheba kwindawo esihlala kuzo kubalulekile ukuze kubekho utshintsho. Kwezongxoxo zabahluphekileyo abo bakhutshelwe ngaphandle ngenxa yokuba ababalulekanga ayisebenzi kwindawo esihlala kuzo njengokuba ezinye impendulo ezibalulekileyo abaninzi bethu abangakwaziyo ukuzibona zikwabahluphekileyo. Isuke imbangi yobubi obuzalwe yindlala busulelwe kwabahluphekileyo. Amaxhoba alempatho imbi azifumana ebonwa njengabantu ababi. Urhulumente , njengabo abaqhubeka bephila ubomi obuntofontofo ngenxa yabahluphekileyo,bayaqhubeka bebona imfuno zabahluphekileyo zingenasizathu kwaye zibubuvuvu. Kubo bonke abantu ekuhlaleni, imfuno zabo zezona zibalulekileyo kwaye izezona zinesizathu ngoba sihlala kwezona meko zimbi. Imfuno zabo bazizityebi zezona zingafanelekanga. Ngokusebenzisa ingqondo nangomthetho zingakwicala lethu lomzabalazo ukubeka intando yesininzi phambi yentando yegcuntswana ukuze iphupho lethu lenzeke.

Enkosi.