Skip to content
7 November 2013

Phantsi ngokucinizelwa kwabantu ngamapolisa

http://activateonline.co.za/phantsi-ngokucinizelwa-kwabantu-ngamapolisa/

Phantsi ngokucinizelwa kwabantu ngamapolisa

Umbutho wabantu abangaphangeliyo (UPM), Abahlali Basemjondolo (AbM) bekunye nabasebenzi nabafundi beDyunivesithi iRhodes bebebambe umngcelele osingisele kwisitishi samapolisa aseRhini ngenjikalanga yangoLwesithathu. Bebesiya kudlulisa ileta yesimemezelo sokuba kupheliswe ukubulawa kabuhlungu kwabantu ngamapolisa xa belwela amalungelo abo.

Oku kulandela emveni kokuba amaqabane amathathu ethe abulawa ngamapolisa eCato Crest, Ethekwini ebutsheni balo nyaka. Le mibutho ikwa vakalise ukubulawa kuka-Andries Tatane nendyikitya yaseMarikana njengezinye zezizathu eziphembelele le matshi.

UThembani Onceya Zion weRight to Know Campaign wenze intetho yakhe ngaseCathedral Church, High Street esazisa abantu abazothatha inxaxheba kule matshi ngezinto ezibangela ukuba baqhube lo mngcelele.

Kwimiba ebenzela ixhala nebakhathazayo, uThembani ubalule intswela ngqesho, ubuqhophololo kurhulumente, ukubulawa kwabantu belwela amalungelo abo nokunqongophala kweenkozo zikarhulumente eluntwini.

Ekuqaleni kwalo nyaka wama-2013, umasipala waseThekwini, Kwa-Zulu Natal uqashe amapolisa neqela labahlaseli bomhlaba ukuba bakhuphe abantu kumatyotyombe wabo ngokungekho semthethweni.

Ukanti xa aba bantu baphucwe amakhaya abo betoyitoya bebonakalisa inkcaso yabo ngalo mba, bayadutyulwa babulawe ngamapolisa aseMzantsi Afrika.

“Sifuna kwenziwe uphando ngala mapolisa abulala abantu bakuthi kabuhlungu bengenzanga nto” utshilo uMakhaya Mzongwane ongumhlali waseRhini, “kwaye sithi makubhalelwe inkokheli ukuba ingenelele nayo kulo mba” wongeze ngelitshoyo.

Kunangoku, aba bahlali abakanikezwa zindlu zakuhlala. Umasipala waseThekwini akayinakanga imiyalelo yenkundla ephakamileyo yokuba anike abantu izindlu zethutyana oku kokuba bafihle iintloko. Akwenziwa phando lunzulu xa amapolisa ethe abulala abantu abatoyitoyela amalungelo abo.

Emveni kokuvakaliswa kwezikhalazo zabantu esitishini samapolisa apho abamatshi bebefikele khona, uLieutenant Colonel Monray uphendule ngelithi lo mba uza kuthathelwa ingqalelo ekwabongoza uluntu ukuba lusebenzisane kangangoko namapolisa.

UThembani Onceya uthe unethemba lokuba noRhulumente omkhulu waseMzantsi Afrika angathatha inxaxheba ekupheliseni impatho-gadalala yabantu ngamapolisa.

Umbutho waBahlali Basemjondolo uxhase ukuvuswa kwemikhukhu yabantu ebidiliziwe.  Amalungu alo mbutho akholelwa ukuba abantu kumele  bazikhethele apho bafuna ukuhlala khona kwilizwe labo lenkululeko.

Abantu mabanganyanzeliswa ukuba bashiye iindawo abasele bezinze kuzo kuba besondelela  impangelo, izikolo, namaziko empilo karhulumente, uthso lo mbutho.