Nyanzelisa i… Right 2 Know

Nyanzelisa i… Right 2 Know

Nqanda umthetho we mfihlelo!!!

Iinzuzo zomzabalazo wenkululeko zibekwe emngciphekweni yi-Protection Of Information Bill – POIB exoxwa nguRhulumente sithetha nje. Le-Bill ifana nqwa nale mithetho yengcinezelo. Le-Bill icinezela abanolwazi ngolwaphulo mthetho nokufumaneka lula nama xwebhu emfihlelo.

Naliphi isebe lika-Rhulumente, lingakwazi ukthi amaxwebhu ka rhulumente ayimfihlelo, lonto isenze ilizwe elinee mfihlelo ezininzi. Amagosa ka-Rhulumente, akhomfuneko bacacise xa efuna ukufihle izinto. Akuyakubakho nto okanye ikomiti eqinisekisa ukuba, ukukho zinto ezifihlwa eluntwini, ekumele ukuba luyayazi.

Abaxeli bolwaphulo-mthetho neentatheli bangabanjwa ixesha elide bebadla ejele. Ukuchaza ukhuphele ngaphandle amaxwebhu ayimfihlelo aluncedo eluntwini, uza kube wophule umthetho. Esona ohlwayo siqatha yiminyaka eyi 25 ejele, yindlela yoku grogrisa noku vala umlomo abaxeli bolwaphulo mthetho neentatheli ezenza umsebenzi wazo.

Inyani mayaziwe!!!

Iimfuno zethu

Sifuna uRhulumente okwazi ukuphendula imfuno zaba voti

Sifuna ukukwazi ukuthetha ngaphandle koloyiki

Sifuna ilungelo loku fumana ingcaciso xosiyifuna

Umgaqo siseko mawu qinisekise ukuba uRhulumente uphendula kuba voti bonke. Sifuna zibonakale ngokuphandle, kwaye zenziwe ngoBuntu izinto izenziwa ngamagosa ka Rhulumente, kungekho mfihlelo. Esi sisiseko somqulu wenkululeko (freedom charter), nesekelwe kumgaqo sesiko woMzantsi Afrika. Le yeyona nto sayizabazelayo neya felwa ngabanye abantu ababe zabala.

Lomthetho wemfihlelo ucetwayo, kufuneka ubhalwe ngokutsha. Ukuze uhambisielane nomgaqo iseko welizwe lethu. Xa uphinde wabhalwe kufuneka unike amagunya athile kumagosa ka Rhulumente, ukuze akwazi ukukhusela imithethoe ethile iyimfihlelo, bexhaswa liqumrhu ilizimeleyo, elinamadla okonqanda ukwenziwa kweimithetha karhulumente ubeyi mfihlelo.

Lomthetho kufuneka unyanzelise amagosa kurhulumnente, ukuba anike izizathu zokuba kutheni zifuna ukwenza amaxwebhu athile abeyimfihlelo. Icandelo lezentloli kufuneka lisekelwe ukuzimeleni, nje ngama polissa nomkhosi

Abaxeli bolwaphulo-mthetho neentatheli, mazinga grogriswa ngeje ngenxa yokuchaza okusemdleni woluntu.

Yiba yinxalenye yokukhusela i-democracy yethu!!!

Masingawuvumi umthetho wimfihlelo!!!