Umba Womhlaba Ngumbuzo Wopolitiko

Le yintetho enikezwe nguS’bu Zikode kwiDevelopment Action Group National Conference, isihloko sentetho yakhe besithetha ngombono ongomnye wedolophu.

UMBA WOMHLABA NGUMBUZO WOPOLITIKO

Kuhle ukuba nombono ongomnye wedolophu. Sonke singaqala ukuba nemibono wedolophu ezine zindlu ezisemgangathweni zoluntu lonke emva koko sinokuba nemibono yezithuthi zikawonke-wonke ezikwixabiso elifikelelayo nendlela ezikhuselekileyo, ezinemithi emihle, iipaki ezinemithunzi, nezikolo ezenza uzive wamkelekile, ikliniki namaziko wencwadi zokufunda, kunye nemibutho yezemidlalo. Singaba nemibono ngemibono yedolophu apho ubuntu buxatyisiwe apho abantu baxabisekileyo. Kuhle ukuba nombono wedolophu apho kungekho mntu uphila okwehagu eseludakeni, apho wonke umntu akhuselekileyo emililweni, ekuhlukunyezweni, ekuxhatshazweni ngamapolisa, ekuvalelweni kwamaziko, ekugxothweni kwabantu kwindawo abahlala kuzo, nakwimilo yezopolitiko.

Kodwa umba womhlaba nezindlu zezona ngxaki eziphambili. Zingxamisekile kwidolophu zethu, kwaye kukho ubunzima ekusombhululeni umba womhlaba nezindlu kwilizwe lethu. Umhlaba uza kuqala kunezindlu, obu bunzima buza ngokuba sonke senza ingathi umba womhlaba awunanto yokwenza nezopolitiko. Umba womhlaba uyakuhlala unzima kwaye uzakongeza ukungaqondi ngakumbi side samkele ukuba umba womhlaba unento yokwenza nezopolitiko.

Umbuzo uhleli usenziwa nzima xa ilizwe lethu likhokelwe ngabemibutho yezopolitiko abathetha ngobunzima nokumelea abantu ngexa besenza ingathi umbandela womhlaba awunanto yokwenza nezopolitika. Kodwa banawo amandla kwaye banokusebenzisa amandla abo epolitika bathathe umhlaba bawubuyisele kwabo baxuthiweyo. Kodwa abezopolitiko nemibutho yabo engekho ngaphantsi korhulumente (NGO’s) bayaqhubeka ukwenza ingathi ngabantu abangaqondiyo okanye abengenalwazi luphangeleleyo, kwaye abasafuneka bafunde ukuba nomonde, bamkele ukuba bafunde ngezokhuseleko emililweni nokunyanzelwa kwabantu bathunyelwe kwindawo zexeshana zokuhlala, olo luphuhliso lokwenyani kubo.

Abo basezintanjeni zolawulo namhlanje banawo amandla okusinika umhlaba wethu ngendlela efanelekileyo kwabo bangenamihlaba. Kutheni nje besithengisile namhlanje? Impendulo ilula. Ukuba bangenza njalo bayakube banikezela ngalamandla abenza babe namandla.

Ukubuyisela umhlaba kwabo bafanelekileyo akusoze kubelula.

Ukuba sifuna ukuthathathela umhlaba kuthi singabantu abahluphekileyo kuzakufuneka sibenamandla. Kumnyaka odlulileyo sifunde isifundo esinzima. Sifunde ukuba uMzantsi afrika awukhululekanga nyani. Abo baphetheyo kwaye nabasebenzi bakhululekile ukuba bangaxoxa bathethe ngekamva lelizwe lethu. Kodwa thina, njengabahluphekileyo siye sakhutshelwa ngaphandle kwinkululeko. Saye sahlaselwa sakhutshelwa ngaphandle kwamakhaya ethu ngamapolisa, nabaphathi bezopolitiko bejongile. Umbutho wabasebenzi iCosatu nombutho olwela amalungelo abantu (iHuman Rights Commission) zazithule. Sifunde ukuba baninzi abantu abacinga ukuba inkululeko ayixhamlwa ngabahluphekileyo.

Sidinga ukwenza inkululeko ibe yeyenyani nakwabahluphekilkeyo. Ngoko ke sifuna intsebenziswano phakathi kwabo bavumelekileyo ukuba babe yinxalenye yokuxoxa nokuthetha ngemiba yaseMzantsi Afrika. Badinga ukuba bayisebenzise inkululeko nokhuseleko lwabo ekumeni kunye nathi basikhusele ngelixa silwela inkululeko yethu. Imibutho yethu neqela labantu abanenjongo enye badinga ukwenza ubumbano oluphilileyo nemibutho eqinileyo, imibutho yabasebenzi, izifundiswa kumacandelo onke, abantu ngabanye nabahlali ngokubanzi. Sidinga ukwakha ubumbano elizweni lethu ukuze kubekho imibutho ehleli ikulungele ukukhusela amalungelo abantu abahluphekileyo ukuze bacinge, bathethe kwaye bakwazi ukuzakha ngokwabo. Lo umbutho kufuneka unepolitika, ukwazi nokunyanzela urhulumente nezityebi zithobele abantu. Kufuneka kucace ukuba ixabiso labahlali belilizwe liza phambi kokucinga ngokwenza ingeniso. Kufuneka bathathe inyathelo eliqinisekileyo ukuze baphumelele koku. Ngoko kufuneka uzimele ungadibani norhulumente. Kuphando lwethu iSlum Dwellers International yimizamo ehla inyuka ka rhulumente nezityebi ukunyanzela abahluphekileyo ngokuzama ukubatshintsha bamkele ingcinezelo.

Abanye bethu sebeyinxalenye yalendlela iya kwimeko entsha yokuhlala (new urban) engangeyokuhlala kuphela kwi Ofisi ezipholileyo kodwa ngokusebenza nzima kwindawo zokuhlala apho baxakekileyo, beququzela besakha , benolwazi benikwa ulwazi nanjengukuba besakhiwa kukuzifundisa, intlanganiso, kwindawo zokuhlala zexeshana nakwimizabalazo. Abanye bethu sebephulukene namakhaya abo elizweni labo lokuzalwanjengesohlwayo sokuzabalaza ukuze kufunyanwe imihlaba inikezelwe ngendlela. Kucacile kuthi sonke ukuba imihlaba eyobiwe ngendlela ayisoze ize kuthi ngeqwelo-moya, kodwa ngokusebenza nzima, ngokubethwa, ngokubanjwa, nangobuxoki, ngeqwelo zokulwa zamanzi, ngokudutyulwa, ngembumbulu okanye ngokufa. Ngumvuzo ke lowo abo baqinisekileyo ngomvuzo we new urban order kufuneka balungele ukuwubhatala.

Awungekhe ube nengxoxo enemiphumela ngalengxaki ye ne urban ngelixesha abahluphekileyo kuqhutyekwa bekhutshelwa ngaphandle kwintetho ebezimele ukwakha I-urban order entsha yoluntu lonke. Ezi ngxoxo zigaqala xa abo baye bathathelwa imihlaba, abo bangabalulekanga , babaluleke. Sagqiba kwakude kudala ukuba singayamkeli imeko apho abanye abantu bathetha ngabahluphekileyo kwaye nabahluphekileyo bengathethi nabahluphekileyo. Kwaye siwubhatele umvuzo ngesigqibo sokuba sakuhlala simanyene.

Akukho mathandabuzo ukuba umsebenzi wenzululwazi, abakhi bedolophu, iinjineli, abazobi bezakhiwo kwakunye nabanye abasebenzi abanezakhono zibalulekile. Sidinga zakhono zabo. Kodwa ngelithuba besazimele bodwa ulwazi lwabo lusemngciphekweni. Sidinga ukucebisana ngedolophu zethu kunye. Ukuba umsebenzi wenzululwazi ungenziwa ngaphandle kwabahluphekileyo, abo banelungelo lokuxhamla kuyo, ayisoze iyisombulule ingxaki. Ingxaki yokuqala yeyokuba ngaphandle kwemfundo yabo yonke, inzululwazi zisoloko zingaqondi imfuneko zabantu. Ingxaki yesibini yile yokuba amacebiso enzululwazi nalawo macebo alungileyo lawo alungele izidingo zabantu, akanamandla ngokukokwawo. Icebiso elisetyenzwe phakathi kweqela labahluphekileyo kunye ne nenzululwazi ze urban liyakuba nefuthe eliphilileyo xana iqela labahluphekileyo livuma ukuba lelabo.umba womhlaba ngendlela oqhutywa ngawo unepolitika eninzi , kangangendlela ebonwa ngayo ngabanye bethu. Inepolitiki kakhulu kangangokuba kwimeko ezininzi urhulumente nabo banonxibelelwano bengenavelwano benza ingathi yimeko umhlaba angawo eyenza isigqibo sokuba kufuneka kwakhiwe ntoni nini. Le nto ibonakele kwindawo zokuhlala ezininzi , kwindawo yabahlali ekuthiwa ukubizwa Abahlali baseMjondolo. Abantu baye bakhomba imihlaba ekwindawo ezifanelekileyo baze bazihlalela ngokwabo kulomihlaba. Kodwa amaxa ngamaxa sifumanisa ukuba ezondawo sinokuthi yimihlaba ekwindawo ezilungileyo sifumanisa ukuba akunjalo kurhulumente nentlola zakhe, ezo ndawo bathi yimihlaba efanelekileyo akukho njalo kwabahluphekileyo. Kwindawo yokuhlala eKennedy Road, umasipala usoloko esebenzisa ingxelo zokungalungi komhlaba ukuzithethelela ukuba kutheni abantu bengenakwazi ukuhlala kulomihlaba bayikhethileyo.. ingxelo zabo zisoloko zisithi umhlaba awulungelanga ukuba kungahlala abantu gelixa izityebi ngapha kwendlela zikonwabele ukuhlala khona. Wonke umntu uyazi ukuba kucacile ukuba umhlaba uyindawo elungileyo. Okufunekayo lutshintsho lwegama lomnini mhlaba nokuphuhliswa komhlaba nokulungiswa kwendawo.eProtea South nase Thembalihle e Rhawutini umhlaba abathi abahluphekayo bawuchonga bahlale kuwo , ekucingwa ukuba ulungele bona . kodwa lento ayithethwa. UDomite kuphela kwesilwanyana esoyikekayo esinokusetyenziswa ukoyikisa abantu , onokuphumelelisa ukugxothwa kwabantu.

Xana wayesothula intetho yakhe kwi State of the Nation address, uMsholozi ngokwakhe wabophelela urhulumente wakhe ukuba afumane ngaphezu kamawaka amathandathu e akile omhlaba osendaweni entle, unikwe abahluphekileyo. Esi sithembiso seza siyimpendulo kumzabalazo wabahluphekileyo ezidolophini nakwiziphaluka zoMzantsi Afrika wonke . Ngokucacileyo urhulumente uyoyiswa ukunikezela lo mhlaba, kodwa ayikho into enokwenza abantu bayeke ukuzibonela nokuzithathela imihlaba ekwindawo ezilungileyo ngokwabo. Oku sizakuxhasa ngokupheleleyo singumbutho. Ukuba indibano esifuna ukuyenza necawe, nabasebenzi, inzululwazi ne urban experts iyakusixhasa koku, ngoko ke siyakwazi ukuba bakwicala lethu ngokwenyani . kangangoko abantu behlala , besifa eludakeni nasemililweni, neyiphi na ipolitika ekuthiwa yeyomonde yenye nje ingcinezelo.

Kodwa umba wesithembiso sikaMsholozi ayingombuzo nje wokuba ufunyenwe wanikezelwa umhlaba okanye awufunyanangwa ongange akile ezingamawaka amathandathu. Kukho umbuzo wokuba ngubani othatha isigqibo sokuba ngowuphi umhlaba ofanelekileyo kwaye nongafanelekanga. Umhlaba awufanelekanga ukuba ubonwe ngurhulumente. Abahluphekayo okanye abacinezelekiyo banelungelo lokuzibonela ukuba ngowuphi umhlaba obalungileyo. Ukuba idolophu zethu zizakuba zidolophu njengoko ke njengabahluphekileyo kuzakufuneka sizomeleze sikhe silungele ukuthata inxaxheba. Sonke sizakufuna inkuthazo eyaboniswa kwi Symphony Way ne Macassar Village eKapa .idolophu zethu zidinga inkokheli eziqinileyo kwabahluphekileyo nezinesazela ngendlela umba womhlaba usengumbuzo obuthathaka . umbutho ,indibano nongenelelo lwabahlali nengqondo yepolitika ecacileyo inokwenza , abalwela inkululeko abanokubeka intando yabantu ngokuchasene nokwakha idolophu zethu ezimbalwa. Ukutshintshelwa komhlaba unikwe abahluphekileyo nakubasebenzi kudinga intshukumo eluqilima . idinga intshukumo nentlanganiso ezimbalwa . yonke lemithetho nalemiqathango ikhetha icala lezityebi kumahlwempu ngoko zaba nemiphumela ebangela yokubakho Indawo zokuhlala ezingavumelekanga.

Amaphupho ethu angabonakala kuphela xa umhlaba lo sewuthathiwe kwabahluphekileyo unokunikezelwa kubo ngesithembiso sotshintsho, kwaye abahluphekileyo bangazifunel angokwabo ezinye iindawo. Urhulumente unoxanduva lokuphuhlisa Indawo zokuhlala zethu azixhase ngokwakha izindlu, kwaye asixhase ngokwakha iindlela, nokuzigcina zisemgangathweni phambi kokuba acinge ngokwakha izindlu zexabiso eliphantsi. Utshintsho lwegama lwabanini mhlaba kufuneka lize kuqala, kulandele uncedo lwekonzo nolwakhiwo, kulandele ulwakhiwo lwezindlu nokuzigcina zisemgangathweni idolophu.uhlobo ezikhula ngayo idolophu zethu kubonakalisa ukuba singangabi nomhlaba owaneleyo ekuhambeni kwexesha . xa kunjalo kungalulutho ukucinga ngendlela zokulwa uxinano sinikezele ngemisebenzi kwabanye abantu ukuze kuqalwe kucetywe ngokutsha. Kodwa ngaphandle kwengxoxo ezifanelekileyo nendawo ezivulelekileyo zokuthetha ezi zinto ngomntu wonke lento ayinakuphumelela okanye ukuba ingaphumelela ayinakwenzeka ngendlela elungileyo

Umzabalazo wethu, nayo yonke imizabalazo yokwenyani yeyokubeka abantu phakathi kwophuhliso, kuqalwe ngabo bathathelwa imihlaba nabangenamakhaya. Ukuzama ukususa intetho yezopolitiko kwezemihlaba, nokunciphisa umbuzo onzima womhlaba akuzusinceda. Ukwenza umbutho obumbeneyo wabahluphekileyo onokuthatha inxaxheba kwindawo esihlala kuzo kubalulekile ukuze kubekho utshintsho. Kwezongxoxo zabahluphekileyo abo bakhutshelwe ngaphandle ngenxa yokuba ababalulekanga ayisebenzi kwindawo esihlala kuzo njengokuba ezinye impendulo ezibalulekileyo abaninzi bethu abangakwaziyo ukuzibona zikwabahluphekileyo. Isuke imbangi yobubi obuzalwe yindlala busulelwe kwabahluphekileyo. Amaxhoba alempatho imbi azifumana ebonwa njengabantu ababi. Urhulumente , njengabo abaqhubeka bephila ubomi obuntofontofo ngenxa yabahluphekileyo,bayaqhubeka bebona imfuno zabahluphekileyo zingenasizathu kwaye zibubuvuvu. Kubo bonke abantu ekuhlaleni, imfuno zabo zezona zibalulekileyo kwaye izezona zinesizathu ngoba sihlala kwezona meko zimbi. Imfuno zabo bazizityebi zezona zingafanelekanga. Ngokusebenzisa ingqondo nangomthetho zingakwicala lethu lomzabalazo ukubeka intando yesininzi phambi yentando yegcuntswana ukuze iphupho lethu lenzeke.

Enkosi.